|
- Abaxhasi bathumela uxwebhu ukwenzela ingxelo yamaxabiso ngokugcwalisa
ifomu phantsi kothi "iiNgxelo zamaXabiso" okanye ngokuthumela
i-e-mail benikela igama neadresi yenkampani yabo, umntu ekunokuqhagamshelwana
naye, inkcazelo yoqhagamshelwano (ifoni, ifeksi, ne-e-mail), u(ii)lwimi
ekususwa kulo, u(ii)lwimi ekusiwa kulo, inani lamagama, uhlobo loxwebhu
(okt. lobugcisa, lomthetho, lwezonyango, lwenzululwazi) nomhla olumele
lubuyiswe ngawo (ixesha nomhla). Nceda uphawule ukuba abaguquli-zilwimi
bagaqula amagama ali-1500 ukuya ku-2500 ngesilinganiso semini, ke
bona abavavanyi boshicilelo phakathi kwamagama ali-1500 nama-2500
ngeyure.
- AbakwaVita Brevis Language bathumela ingxelo yamaxabiso.
- Ukuba umxhasi uyakwamkela oku, kufuneka asayine ingxelo yamaxabiso
aze ayithumele ngefeksi ku-+27-21-889-6751.
- Bakuba abakwaVita Brevis Language bevakalise ukuba bayamkele ingxelo
yamaxabiso esayiniweyo, uxwebhu lunikezelwa komnye weqela leengcali
zethu zabaguquli-zilwimi.
- Yakuba igqityiwe, inguqulo ihlolwa ukuba isemg angathweni kusini
na ize ke ibuyiselwe kubaxhasi nge-e-mail.
|